"Shoes" Sithembele
Apha kwiLight of the World Mission, ngobabalo lukaThixo nangomoya oyingcwele ophakathi kwethu sonke, siliqela elisebenzisanayo nelixhasayo, sihlanganisana kwiprojekthi nganye ukuqinisekisa ukuba abafundi bethu nabathengi bafumana esona siphumo silungileyo.
Ndingazichaza ngokuthi mkhulu umahluko wam Kunowangaphambili kuba ngoku ndiphangela emission kwaye ndingumntu onomonde Obathandayo abantu nozinikeleyo emsebenzini.
Ndithi xa ndijonga ubomi bam bangaphambili nangoku mkhulu umehluko apho uthixo Andithathe khona umqweno wam kukuba ndikhonze uthixo ngenene nangenyaniso Andifunuphosana noyesu ngoba uyinkosi yobomi bam ewe andikenzi kakuhle kodwa umqweno Kukuba ndilandele uyesu kwaye ndifuna ngakumbi ukusetyenziswa nguye kwizinto zonke Endidibene nazo ebomini bam Amandla ka yesu ndiwabonile ukunceda kwakhe futhi Ndicinga ukuba lithuba lokuba ndisondele ngakumbi kuyesu kwaye ndiyakholwa ukuba Ngenene nangenyaniso uyinkosi yobomi bam.
“Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala. Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.” (UMatewu 5:14–16 - isiXhosa - All Bible)
